Francis Wilson 
IiDanaso, IiDayimani neDemokhrasi [EPUB ebook] 

Supporto

Iasteroid ebukhulu bulingana ne Ntaba ye Tafi le yawela kwindawo ekunamhlanje nje ebizwa ngokuba ngu Mzantsi Afrika kwiminyaka eziibhiliyoni ezimbini eyadlulayo, yaza ngoko ke yaphawula le ndawo. Ukusuka ngoko imbali yeli lizwe yomelela kwaye yanobungangamsha obungaphaya. Le incwadi ikusa ngqo kuloo mzuzu, kanye ekuqalekeni kwezo ngqaqa zegolide, ukuza kuthi ga ekuqalekeni kwedemokrasi, into apha eyamangalisa ihlabathi jikelele.
Xa uphendla le ncwadi uza kuhlangana nezinye zeedayinaso zakudaladala ezarekhodishwayo, uza kuhlangana nabantu bokuqala ngqa kwiplanethi iphela, kwakunye neenkcubeko zokuqala ngqa apha ehlabathini. Uza kubona abangeneleli bengena kweli lizwekazi kwakunye nefuthe labo ekuguqukeni kwembali yeli: abazingeli nabaqokeleli, abalimi nabafuyi, abasebenzi besinyithi abasuka emantla, kwakunye neembacu nabafudukeli abasuka e Yurophu nase Asia. Bonke aba bantu babesilwa kodwa balumilisela noxolo, bahlangana nedayimane kunye negolide bengalindele, baqaqamba ekwenzeni izinto-yinto baza batshona dzwabha phantsi kwengcinezelo, de ngenye imini bafola bebonke ngokulinganayo ukuze benyule urhulumente oza kubafaka kule nkulungwane yeminyaka yamashumi amabini ananye njengesizwe sedemokrasi.
Eli libali eliqaqanjiswe ziidayinaso, iidayimane kunye nedemokrasi.

€7.65
Modalità di pagamento
Acquista questo ebook e ricevine 1 in più GRATIS!
Formato EPUB ● Pagine 144 ● ISBN 9781415209523 ● Casa editrice Penguin Random House South Africa ● Pubblicato 2017 ● Scaricabile 3 volte ● Moneta EUR ● ID 5342159 ● Protezione dalla copia Adobe DRM
Richiede un lettore di ebook compatibile con DRM

Altri ebook dello stesso autore / Editore

222.767 Ebook in questa categoria